
kwizivatho zabo eziqaqambileyo. Kodwa ikwangumthetho nokuzinikela kuba bangamarhamente eSt Pauls Apostolic Mission Church of South Africa, beme ngasesangweni belindele ukungena esangweni ukuze bamkelwe ngenye yemini ezingcwele kwikhalenda yebandla labo - kwenye
yeePasika ezimbini, uMprofethi uPetrus Hlanyela Moloi ongumqambi wayo, wabashiya nomyalelo wokuyibhiyozela minyaka yonke.
Kodwa ngesaquphe wonke Io msitho wonwatyelwa ngengxolo
yezixhobo zebrass. Yintsimbi yeshumi elinanye ekuseni nebhendi eyaziwayo yaseSt Paul, phantsi kombhexeshi owaziwayo umfundisi Daniel Mehlomakhu umatsha eyadini, edlala iculo elimnandi. Luphawu kwibandla ukujoyina umngcelele njengoko ibhendi imatsha ijikeleza eyadini, ime kwiikona zonke njengophawu lokuthumela umyalezo wecawa kuzo zonke iimbombo zehlabathi. Umculo webhendi webrass unxuiunyaniswa nowamaSirayeli esetyenziswa emthandazweni nasekunquleni, utsho uMfundisi Mehlomakhulu. Nakuthi umculo ungumthandazo kuneculo.
40 BONA XHOSA JuIy 1999

Bevakalisa imivuyo yabo - iSt pauls Brass Band, ekhokhelwa nguDanlel Mehlomakhulu, ivakalisa umyalezo wayo emoyeni.
Bayibhiyozela kabini iPasika ngonyaka
Xa ubona amarhamente ebandla IeSt Pauls Apostolic Faith Mission ebhiyozela iPasika kule nyanga, ungacingi ukuba ashiywe Iixesha - kaloku bayibhiyozela kabini ngonyaka!
U-Archbishop Petrus Moloi ukhokhela ibandla ngomthandazo - eIi bandla linamasebe kuMzantsi Afrika uphela.


 ndawo yaseSmall Farms kude
l kufuphi naseEvaton eVaal Triangle
ixakekile kwaye imibalabala
njengoko abanquli bebahle
BONA XHOSA - July 1999 41
Uthi nebhayibhile iyakutsho oko xa efunda kwincwadi yeNumeri- 10, ivesi 8: Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron, ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kuni kwizizukulwana zenu.
lbhendi ikhokhela ibandla ecaweni ngeenkonzo ezibalulekileyo zePasika, Amazwi Asixhenxe Emnqamlezweni, amkelekile kumalungu angoku ecawe, uArchbishop Petrus Kelelo Moloi. Phakathi emculweni wamaculo anika umdla nokuqhwaba izandla kwibandla lamabhinqa, bekukuhle ukubona abefundisi ababini abangamabhinqa abathanjisiweyo - into enqabileyo kwiicawa zamaAfrika ezinje ngale.
Ibandla laseSt Pauls Apostolic Faith Mission Church of South Africa yasekwa kwiminyaka yoo-1930 emva kokuba uMprofethi Moloi ongasekhoyo wayengathandi iFaith Mission Church eyayikhokelwa ngabelungu.
Umoya ongcwele wamkhokhelela ukuba aqale icawa yakhe kwaye ephupheni wamnika imiyalelo yesinxibo sebhendi efana neyamajoni nomculo, inkonzo yecawa kwaye yonke into eyenziwa eSt Pauls, uchaza enjenjalo uMfundisi uMehlomakhulu.
Nyanga zonke xa kuvela inyanga entsha abakhonzi baqokelelana ecaweni besiya kwenza umbulelo kuThixo kwaye besizisa iingxaki zabo kuThixo. Beza nesonka esithandazelwayo, zize zonke izinto zilunge, utsho uMfundisi Mehlomakhulu.
Omnye umyalelo ibilisiko lecawa elingaqhelekanga lokubhiyozela iiPasika ezimbini yonke iminyaka, eqhelekileyo ibangoEpreli ize eyesibini ibe ngesikhumbuzo sokufa kukaMprofethi uMoloi, ngomhla we-31 kujulayi ngo-1951. NgeePasika zombini abanquli bamkelwa emanzini echibi emva kwecawa yokuzihlambulula yentsikelelo okanye eyokubhaptizwa.
UMprofethi Moloi kuthiwa usindise abantu ngemithandazo yaye nguye owakhulisa umama wakhe ongasekhoyo uChristina Nku, umqambi weSt Johns Apostolic Church. Nangona iSt Johns Apostolic Faith Mission ingashumayeli ezitratweni. UMprofethi uMoloi uprofethe wathi iza kusasazwa kuzo zonke izizwe kwaye namhlanje icawa iqhayisa ngokuba namabandla kwiilokishi zaseMzantsi Afrika, eBotswana, eLesotho, eSwaziland, eNamibia, naseMozambique, eZambia naseMalawi.
inkokheli yabo, uArchbishop Moloi, uhlonitshwe ngabanye abanquli xa ebekutyelelo lomthandazo kwaSirayeli ngo-1996, ezalisekisa eminye yeminqweno yakhe yakudala.
Ebhasini xa besindwendwele indawo ezaziwa yiNkosi yethu uYesu Krestu, abanye abakhenkhethi bamcelile ukuba abakhokhele emthandazweni, kwaye kwihotele yethu ezinye iindwendwe zimcelile ukuba azenzele umthando xa zisitya, utsho uMfundisi Mehlomakhulu.U
URICHARD RAIRAN unama-32 eminyoka umngummi waseSpain ongatshatanga uthanda ukudibana nebhinqa laseAfrika elinomdla kwezothando, elizimisele ukutshata. ldilesi yakhe ithi 44871004 D Block, P.O. Box
3000, Anthony, N.M., 882021, USA.

UMOSES ZIMBISI uneminyaka eli-19 uthanda ukukhenketha, ukubhala nokudlala ichess. Mbhaleloni nithumele neefoto kule dilesi: P.O. Box 1024 Chinoyi, Mash. Wst, Zimbabwe

UKAPUTO GEORGE MUTALE
uneminyaka eli-18 uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo. ukumamela umculo wepop nokubukela umabonakude. Mbhaleleni ngeSingesi okanye iSizulu kule dilesi: Box 410445 Kasamc, Zambia.

UBRIAJl M DLAMINI
uneminyoka engama-2O unqwenela ukubhalelana nabantu abaneminyaka eli-16 ukuya kuma-21. Uthanda ukuya ecaweni ukufunda nokubukela umabonakude. Mbhaleleni ngeSingesi okanye iSizulu kule dilesi: P.O. Box 383, Bhunya, Swaziland.

UTATENDA NYAMAGUDZA
uneminyaka eli-16 uthanda ukubhalelwa ngeSingesi kuphela. Uthanda ukudlala ibasketball, ukubukela umabonakude nokumamela umculo wehip hop. Mbhaleleni kule dilesi: 323 44th Crescent, Kuwandzana 1, Harare, Zimbabwe.

UROBBSON CHULU unama-28 eminyaka uthanda ukuqhagamshela na nomantombozana amahle aneminyaka eli-15 ukuya kweli-18 anengqondo. Uthanda ukumamela umculo wegospeli. Mbhaleleni kule dilesi: Jack S.D.A. Church, Box 38505, Lusaka.


UREJOICE DUBE uneminyaka engama-25 uthanda ukwakha ubuhlobo nabantu abaneminyaka engama-20 ukuya kuma-45. Uthanda ukubhalelwa ngeSingesi kule dilesi: 4657 Magwegwe North, P.O. Magwegwe, Bulawayo, Zimbabwe.
UMARK IAN uneminyaka engama-26 uthanda ukuqhagamshelana namabhinqa eli-16 ukuya kuma-25. Uthanda ubugcisa. umculo wasekhaya nebhola ekhatywayo. Mbhaleleni nithumele iifoto kule dilesi:
Box 20, General Hospital, Marondera, Zimbabwe.

UJENNEFER HARRISON
unama-40 eminyaka uthanda
ukuzakhela ubuhlobo nomntu oneminyaka engama-38 ukuya kuma-50. Uthanda ukukhenketha nokuya ecaweni. ldilesi yakhe ithi:
Box 12945, Dar-es-Scilaam Tanzania.

UMZURUZIMA MANCAM ulilolo elineminyaka engcima-33 uthanda ukuqhagamshelana namabhinqa angama-20 ukuya kuma-26 ozimiseleyo kwezothando. Uthanda ukubukela ibhola ekhatywayo nokubukela umabonakude. Mbhalelenl nithumele iifoto kule dilesi:
Correctional Services, Private Bag X 9021, East London 5201.

UCHRIS11NE GOSTEN
uneminyaka engama-23 uthanda ukufunda iinoveli nokukhenketha. Mbhaleleni ngesishona okanye iSichechewa kule dilesi: 16201 Unit M Seke, Chitungeziwa Harare, Zimbabwe okanye P.O. Box 51684 Limbe Malawi.

UMARY MWANGI uneminyaka
engama-27. Uthanda ukuqhagamshelana nabafana abaneminyaka engama-45 abazlmiseleyo kwezothando, Kufuneka baziphathe kakuhle, bathembeke bame kakuhle ngokwasemalini. ldilesi ithi:
clo Martin Mwangi, National Youth Service, Accounts Section, P.O. Box 30397, Nairobi Kenyca.

UTONY DEL TORTO linenekazi elingatshatanga elineminyaka engama-43 laseMelika elithanda ukuqhagamshelana namanenekazi aneminyaka eli-1 8 ukuya kuma-35 athembekileyo.
nathandekaya, nazlmisele ukutshata. Mbhaleleni nithumele neefoto kule dilesi:
26922-048, P.O. Box 7001, Tcift, Cca. 93268, AZA.
Umyalezowabafundi beBona
Abantu mabanikele ngobomi babo kuThixo bacele ukuxolelwa izono, utsho uArchbishop Moloi.Ukuba ubani ukonile, musa ukumlinda azizele kuwe ukuze umxolele. Hamba uye kumoni ucele akuxolele ngezinto ezimbi ozenziteyo kuye. Ngalo ndlela, ilizwe liza kuba yindawo emnandi yokuhlala kubekho uxolo nolonwabo phakathi koluntu.
UMHLOBO
U808 SMITH uneminyaka engamo-34 okatshatanga uthanda
ukuqhagamshelana mamagqiyazana aneminyaka eli-18 ukuya
kuma-40. ldilesi yakhe ithi: 03731030, PMB 700-K, Yankton SD
57078.

UJOE MALULEKA uneminyaka engama-27 uthanda ukuqbagamshelana namanenekazi aneminyaka engama-24 ukuya kuma-27. Uthanda ukukhenketha nokubukela iifilim. Mbhaleleni ngeSingesi okanye iSipedi nithumele neefoto kule dilesi: Leeuwkop Maximum Prison, Private Bag X02, Bryanston
2021.

UBONGEKA KAMBILE une-16 leminyaka uthanda ukuqhagamshelana nabantu abaneminyaka eli-15 ukuya kuma-24. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukubukela umabonakude nokumamela umculo. ldilesi yakhe ithi: All Saints Mission, P0. Box 40, All Saints Engcobo 5052.

UJAMES MOFFAT une-18 leminyaka uthanda ukubhalelana nabahlobo, ldilesi yakhe ithi: St Josephys Dec, P. O. Box 14, .
Bwanje, Ntcheu.

UPETER LEORNARD MNISHI unama-27 unominyaka engama-27
uthanda ukudlala ibasketball, ibhola ekhatywayo netable tennis.
Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiSwahili kulo dilesi: F.K.S.A.B.
Cotlege P.O. Box 2319, Bronkhorstprult 1020.

UPASCORT KHELA unama-26 eminyaka uthonda ukumamela umculo nokubukela umabonakudo. Mbhaleleni ngeSingesi okanye iSixhosa kule dilesi: P.O. Box 18648, Hillbrow 2038.

UGLADNESS M PHIPI uneminyaka engama-31 ungumama wentombazana eneminyaka eli-13. Uthanda ukuqhagamshelana nabafana abazimiseleyo ngezothando. ldilesi yakhe ithi: Private Bag 0036, Mogodishane. Botswana.

UKENNETH MAHLATJI uneminyaka eli-16 uthanda ukudlala ibhola
ekhatywayo, ukubukela umabonakude nokumamela umculo.
Mbhaleleni ngeSingesi iSizulu okanye iSisuthu. ldilesi yakhe ithi: P.
O. Box 1558, Chuenespoort 0745.

USY-MON MADUNA uneminyaka engama-27 uthanda ukuqhagamshelana namanenekazi aneminyaka engama-20 ukuya kuma-28. Uthanda ukubukela umabonakudo nokudlala ibhola ekhatywayo. Mbhaleleni kule dilesi: P. O. Box 205.47, Bloemfontein 9300.

UPETER KUMPANA une-16 leminyaka uthanda ukudlala amanqindi, ibhola ekhatywayo nebasketbalI Mbhaleleni nithumele neefoto kule dilesi: Thumu F.P. Schooj, P/A Katema, Mangochi, Malawi.

URONALD MWASE une-16 leminyaka uthanda ukudlala ihockey. basketball. nebhola ekhatywayo. Mbhalelenl nithumele neefoto kule dilesi: Lisumbwi Secondary School, Private Bag 3, Monkey- Malawi.

UTAKA SAKALA- NTSANGO unama-23 eminyaka uthanda ukuqhagamshelana nabantu abaneminyaka eli-18 ukuya kuma-20. Uthanda ukufunda iinoveli. ukukhenketha nokumamela umculo wereggae neP&B. ldilesi yakho ithi: Alaska Dolomlte P/L, P0. Box 290, Chinoyi, Zimbabwe.

UJULIUS RAMARU uneminyaka engoma-32 uthanda ukuqhagamshelana namanenekazi anamo-25 ukuya kuma-32 anqwenela ukutshata. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye iSisuthu nithumele neefoto kule dilesi: P.O. Box 91 1937, Possyln 0200.

UZECHARIAH LUHANGA uneminyaka eli-18 kwaye uthanda ukumamelo umculo, ukufunda nokubukela iifilim. Mbhalelenl nithumele neefoto kule dilesi: P.O. Box 1 16 Karonga. Malawi.
46 BONA XHOSA - July 1999

Amalungu eRescue Unit asebenzisa izitretsha neentambo ekukhupheni imizimba efunyenwe kweli liwa.

A
 BANTU baseMolweni balibiza
ngokuba kusefrijini iliwa
elinobunzulu obuyi-300m
eliphantsi kwale ndawo yaye
abalibizi kanjalo kuba liyindawo
ebandayo koko balibiziswa yimizimba emininzi efunyanwa kulo.
Eminye imizimba yabantu ifunyanwa sele ibolile, maxa wambi kufunyanwe amathambo kuphela kwelo Iiwa. Abanye
UBongani umi kufutshane neliwa owayezama ukuzibulala ngokuziphosa kulo.
abantu abafunyanwa kweli liwa basenokuba batshona kulo xa behamba kufutshane nalo bezintyintye ngobhelu Iomsele abanye basenokuba baziphosa kulo xa bezibulala, kodwa iziganeko
ezibirii zakutshanje zibothusile abantu baseMolweni. UBongani Cele oneminyaka engama-24 wasinda emva kokuba wayezibulala ngokuziphosa kwelo liwa - kwasekusisihlandlo
sesixhenxe ezama ukuzibulala. UNontombi Mthethwa oneminyaka
engama-37 wasweleka emva
kokutyhilizelwa kwelo liwa yindoda
owayencuma nayo. Usapho lwakwaMthethwa lwashiyeka
A lusentlungwini ngokufa kwentombi yalo.
Uyise kaNontombi uAndrias uthi intombi yakhe yaphoswa kwelo liwa yindoda
eyayincuma nayo emva kwengxabano. Uthe baqala ukuxambulisana malunga
nentsimbi yethoba ngokuhlwa. Uthi uNontombi waphuma wabaleka isithandwa sakhe simleqa baya
ngaseliweni eliyingozi.
UMaria ongunina kaNontombi
uhambise wathi: Wathi xa ebuya ngaseliweni umfana owayencuma
Omnye umzimba owafunyanwa kweli liwa.
Ummandla
 Kafayayo
lndawo yaseMolweni intle kangangokuba ibifanele ukutsala umdla kubakhenkethi ize ingenisele imali abahlali bakhona
- kodwa akunakwenzeka oko xa inegama eIibi Iokuba ngummandla kafayayo. Kubalisa uTHEMBA NTSHINGILA. Kufote uTHEMBA NTSHINGILA ezinye sizifumene kwiDURBAN SEARCH AND RESCUE UNIT.
nentombi yam wasixelela ukuba uyibulele inja yethu. Lwaphuma lonke usapho lwaya kufuna uNontombi. Simfune iiyure ezintathu saza samfumana ezantsi eliweni enenxeba entloko. Sabiza amapolisa awulanda umzimba wakhe ezantsi ngezitretsha neentambo .
UMaria wacela iinkokheli zoluntu kule ngingqi ukuba kubiywe ngocingo kufutshane neliwa kungekade kusweleke abantu abaninzi kulo - nto leyo inokunceda unina kaBongani Cele
